24/04/2024
Siyagxabhagxabhisa simaxhaphetshu ukulungiselela lomhla siyawuthi siwazise wokuvula ezivenkile zimbini, wenake qina ufane naleshirt yalendoda unyamezele ulinde.
Ivenkile engasenxele ludidi lwevenkile apho uthenga uhambe nazo iziphizo zakho, ukanti le ingasekunene uthenga uhlale wonwabele iziphuzo zakho uze ukwazi nokuthi woje lomaqatha owafunayo kwakunye nokusiwa phantsi kwempumlo kuzofumaneka.
Sikwa 76 main street Ngcobo 5050, phambi kuka FNB kudekufuphi kwabhanki yakwa standard bank, Nedbank, Capitec, home affairs njalonjalo kwaye nathi sizobanalo uhlobo lwe ATM ngaphakathi yenye yezivenkile. Inkxaso yenu izokusichulumalisa kakhulu.