03/02/2026
Sasisobani
Ndandikuthsnda uhlala duze nawe maxa onko ndizixelele
Nditsho sele nelanga limathunzi ntaka ukuba Obam ubomi ndiyobutsh*tha nawe sahlulwe kukufa
Ndakunika eyam intliziyo ezele uthando nezicwanchiso Zobomi ngathi wadlala ngayo
Ndakunika Obam ubomi bonke ngenjongo zokuphelisa ukungathembeki kuwe kodwa nalapho ndabuya nengqawe ikhwezele ngoluthi.
Yayiluthando lwam olungileyo nolusulunge kileyo olu wena wadlala ngalo
Ixesha lam endleleni yothando wadlala ngalo mntanomntu Kanti wena sewubone ababhetele Kunam
Namhlanje intliziyo yam inamahlwili ngenxa yakho ayifuni kuxola
Ndakwenzani
Sasisobabini Sithandna kwamawele
Sasisobabini abantu bebukela kolo uthando lwethu singumzekelo omhle eluntwin
Sasisobani sihlala siluthandazela lwethu uthando namhlanje ndishiyeke ndiguqa ndondwa
Sasisobani senza izivumelwano phambi komfundisi nabantu sisithi sakwehlula kukufa Kanti sakwehlula bubuhule Bakho.
Sasisobabini siwathembisa amakhaya wethu ukuba sakulubamba olusapho lungaphalali.
Namhlanje intliziyo yam yophukile
Namhlanje abatwana bethu bashiyeke bengena mama
Namhlanje imfundumalo kwelikhaya ihabe nekhwezi xali yakutshoba
Namhlanje ukonwaba kwelikhaya akuskho kushiyeke izijjwili ezi sika zilumeze kabuhlungu ebantwaneni
Wawulu qalelani oluthando Kanti uyazi awuzukuhlala
Wawuzenzelani izethembiso Kanti awuzukuzifeza
Kwakutheni lento Uvume sizise intsana kwelihlabathi Kanti uyazi wena uzakuzenza intandane zikhule zingena mama Ube ukhona Uphila.
Wayaphi Mama wabantwana bam
Wayaphi sonka Sam somphefumlo awakhumbula abantwana Bakho Kwakutheni
Wayaphi ungasasikwa nayi mfesane ngenxa yenzala yakho
Bakoneni abantwana Bakho wabakhulisa ngosizi nezijwili
Phinda ubuye usathandwa
Phinda ubuye ziyakukhumbula intsana zakho
Umbongo bhalwa ngu simphiwersa imbhongi