Philippi Precinct Management Unit

Call Directions Website Contact the business

Philippi Precinct Management Unit Philippi Precinct Management Unit (PMU) facilitates the transformation of Philippi by engaging all s

01/10/2026
🌟 91% of residents said Philippi’s streets are cleaner than a year ago.Thank you to the PMU and PEP Cleaning Teams whose...
06/08/2026

🌟 91% of residents said Philippi’s streets are cleaner than a year ago.

Thank you to the PMU and PEP Cleaning Teams whose hard work helped make this possible. πŸ‘

⏩ Read more:

91% observed cleaner streets. 95% expressed greater pride in their community.

Izitalato Ezicocekileyo, Izakhono Ezingcono, neendawo Ezikhuselekileyo! 🌟Siyavuya ukunazisa ngoko kuphunyeziweyo ngamaqe...
24/04/2026

Izitalato Ezicocekileyo, Izakhono Ezingcono, neendawo Ezikhuselekileyo! 🌟

Siyavuya ukunazisa ngoko kuphunyeziweyo ngamaqela ethu phakathi ko- January no-March 2026 . Enkosi ngenkxaso yenu nomsebenzi onzima wamaqela ethu e-PMU ne-PEP, iPhilippi iya isiba yindawo ebhetele yokuhlala nokusebenza. Nantsi imbonakalo emfutshane yoko sikwenze kunye:

1. Izakhono Zeengomso πŸŽ“
Sikhulisa abahlali basekuhlaleni ukuze balungele imisebenzi ngezicwangciso zethu zoqeqesho.
* Abantu abayi-205 bazimase uqeqesho lwethu.
* Abantu abayi-189 baphumelele banezakhono ezitsha!
* Loo nto ithetha ukuba ngu-92% wabantu baphumeleleyo, nto leyo enceda abantu abaninzi ukuba basondele ekufumaneni imisebenzi.

2. Ukugcina Izitalato Zethu Zicocekile 🧹
Amaqela ethu acocayo asebenza nzima yonke imihla ukugcina uluntu lwethu lusempilweni.
* Kuqokelelwe iingxowa zenkunkuma ezingaphezu kwe-51,000!
* Siphinda sisebenzise (recycle) iiplastiki, amaphepha, neeglasi ukukhusela indalo yethu.

3. Ukulungisa Iingxaki Ngokukhawuleza πŸ› οΈ
Iqela lethu lohlolo likhangela iindawo ezifuna ulungiso kwaye lixelele iSixeko (City of Cape Town). Iingxaki eziyi-428 ziye zaxelwa kwezi nyanga zintathu, kubandakanywa:
* Imisele evalekileyo namanzi ezikhukhula 🌧️
* Iingxaki zombane πŸ’‘
* Iindlela neezindlu zangasese ezonakeleyo πŸ›£οΈ

4. Ukwenza iPhilippi Ikhuseleke ngakumbi 🚨
Amaqela ethu okhuseleko ayasebenza ekuhlaleni ukuqinisekisa ukuba niziva nikhuselekile.
* Iipatroli eziyi-633 ezihamba ngenyawo kwiindlela zethu ezinkulu.
* Amatyeli ayi-112 apho abakhuseli bethu bekhapha abantu abazisa iinkonzo ukuze basebenze ngokukhuselekileyo kwindawo yethu.

Siqhuba Kunye Siya Phambili
Nokuba luqeqesho lomsebenzi okanye kukucoca isitalato inyathelo ngalinye elincinci lenza umahluko omkhulu. Siyazingca ngokunceda uluntu lwasePhilippi!

πŸ”— Ngaba unqwenela ukufunda ingxelo epheleleyo? Cofa apha:

Driving community impact through precinct management, urban safety, and skills development

Ezimnandi: Ukhuseleko luyaphuhla ePhilippi East! 🏠✨Sibuze, saze safumana iiphendulo! Kwiinyanga ezisibhozo ezidlulileyo,...
23/04/2026

Ezimnandi: Ukhuseleko luyaphuhla ePhilippi East! 🏠✨

Sibuze, saze safumana iiphendulo! Kwiinyanga ezisibhozo ezidlulileyo, sithethe nabahlali abangaphezu kwe-3,800 ukuze sifumanise ukuba baziva bekhuseleke kangakanani ezitalatweni.

Iziphumo zifikile, kwaye kukho uphuhliso oluhle: Babaninzi abantu abaziva bekhuselekile namhlanje kunonyaka ophelileyo!

Amanani abantu abaziva bekhuselekile:
* August 2025: Ngu-25% kuphela oziva ekhuselekile.
* March 2026: Eli nani linyuke laya kutsho ku-38%.
* Olu lutshintsho olukhulu kwiinyanga ezimbalwa nje! πŸ“ˆ

Kutheni kusenzeka oku? Sibona ukwanda kwamaqela agada ukhuseleko (patrols) nentsebenziswano engcono phakathi kwamaqela asekuhlaleni namapolisa. Oko kubaluleke kakhulu, abantu basixelele ukuba baziva bekhuselekile phambi kwemizi yabo.

Yintoni elandelayo? Sizakuqhubeka sinimamele inyanga nenyanga. Izimvo zenu ziyasinceda ukuba sazi apho kufuneka sisebenze nzima khona ukwenza zonke izitalato zikhuseleke kuye wonke umntu.

πŸ”— Funda ingxelo epheleleyo apha:

How safe do residents feel on their streets β€” and is that changing over time?

iPhilippi Ephilileyo – Philippi iyaphila!  πŸ—£οΈ Kulo nyaka uphelileyo, abantu abahlala kwezi- Wadi zilandelayo 34, 35, 36,...
16/02/2026

iPhilippi Ephilileyo – Philippi iyaphila!

πŸ—£οΈ Kulo nyaka uphelileyo, abantu abahlala kwezi- Wadi zilandelayo 34, 35, 36, 80, 88 kunye-noWadi 33 (eSamora Machel) bathethe ngokhuseleko nangobomi bemihla ngemihla kuluntu lwethu.

πŸ”‘ Inye into ecacileyo:
Ukhuseleko alukho malunga nolwaphulo-mthetho kuphela.
Lumalunga nezitalato ezicocekileyo, amathuba emisebenzi, iintsapho ezomeleleyo, inkxaso kulutsha, neenkonzo zoluntu ezisebenzayo.

πŸ—“οΈ Ngo-Matshi 2026, iinkokeli zoluntu kunye namahlakani ziza kuhlangana kwi-Safety and Development Summit ukuze kuvunyelwane ngamanyathelo azizinto eziphathekayo ngekamva lasePhilippi.

πŸ“Š Uphando lwethu luka-2025 lubonisa ukuba xa sisebenzisana β€” ngokucoca, ngepatroli, nangeenkonzo β€” abantu baziva bakhuselekile. Kodwa amanyathelo exeshana awonelanga. Sifuna izisombululo eziza kuthatha ixesha elide.

Masingayeki kuphela ekuthetheni, kodwa masiqalise ngokwenza.
Masakhe iPhilippi ekhuselekileyo kunye.



πŸ”— Funda ibali lonke apha:

Community voices shaping practical solutions to build a safer Philippi together

🌟 N**i iziphumo ze-PMU ne-PEP zika-2025! Ngo-2025, amaqela ethu e-PMU nawe-PEP asebenze yonke imihla ukugcina iPhilippi ...
02/02/2026

🌟 N**i iziphumo ze-PMU ne-PEP zika-2025!

Ngo-2025, amaqela ethu e-PMU nawe-PEP asebenze yonke imihla ukugcina iPhilippi icocekile, ikhuselekile, kwaye inonxibelelwano olungcono neenkonzo zeSixeko. Nantsi indlela ekwenzeke ngayo oku:

🟒 Abantu abangama-402 baqeqeshwe nge-Job Journey & SkillWise
Ukwakha ukulungela ukufuna umsebenzi nezakhono zekhompyutha (digital skills), kunye nabathweswe izidanga abangama-276.

πŸ”΄ Ziipatroli zokhuseleko eziyi-1,288 kwiindlela ezinkulu
Ukuphucula ukhuseleko kwiindawo ezixakekileyo.

πŸ”΄ Ngabasebenzi bezokhuseleko abangama-615 beSixeko
Ukunceda abasebenzi beSixeko nabo bafumene iikhontrakthi ukuba basebenze ngokukhuselekileyo kwiindawo ezinomngcipheko omkhulu.

🟠 Ziingxowa zenkunkuma ezili-162,148 eziqokelelweyo
β€’ Ziingxowa eziyi-12,682 ePhilippi East Industria
β€’ Ziingxowa eziyi-149,466 kwii wadi ezintlanu

πŸ”΅ Zizicelo zeenkonzo zeSixeko ezingama-4,503 ezibhalisiweyo
Ukunceda ekunikezeni ingxelo ngeengxaki zalapha ekuhlaleni njengenkunkuma, iindlela, amanzi, kunye nemijelo yamanzi ukuze zilungiswe.

🟣 Ziziganeko zolwaphulo-mthetho eziyi-1,505 ezibhalisiweyo
Uninzi lwezizehlo kuncediswene ngazo ngabahlali kunye noosomashishini, azizange zixelwe kwi-SAPS.

🟒 Ziinkqubo zovavanyo loluntu eziyi-3,162 ezigqityiweyo
Ezibonisa ukuba abahlali noko baziva ngcono malunga nokhuseleko, ucoceko, iipatroli. Kukwafumaniseke ukuba iimpendulo zeenkonzo ziyanda.

Sisonke, ezi zenzo zemihla ngemihla zincede ekwenzeni iPhilippi icoceke, ikhuseleke, kwaye ibengcono.

Ingxelo epheleleyo, kuquka neziphumo ngokwee wadi, inokujongwa kwaye ikhutshelwe apha: https://tinyurl.com/pmu-pep-2025-results

18/12/2025

Uqeqesho lweKhompyutha lwe-PEP luyaqhubeka!

Iqela lethu le-PEP lithatha inxaxheba kwizifundo zekhompyutha, apho lifunda izakhono ezibalulekileyo ze-digital. Eliqela liyalonwabela olu qeqesho yaye lifunda izinto ezintsha mihla le!

Kwezi zifundo, abafundi bafunda:
βœ” Ukusebenzisa i-internet nokuthumela ii-email
βœ” Ukutayipha kwikhompyutha nokufaka imifanekiso kwikhompyuta
βœ” Ukuqokelela ulwazi lweprojekthi nokusebenza ngamanani ukuze kufumaneke iziphumo ezichanekileyo ngeprojekthi
βœ” Ukwenza imiboniso elula besebenzisa imifanekiso namagama ukwabelana ngolwazi noluntu

Olu qeqesho lunceda abasebenzi be-PEP bafumane izakhono zekhompyutha abanokuzisebenzisa emsebenzini wabo wemihla ngemihla nakwezinye izinto ezidinga esisakhono. πŸ‘

UThomas Swana uyehla esihlalweni sokuba yi-CEO yePEDI. Kumyalezo wakhe wokuvalelisa, uvakalise uchulumanco xa ejonga nga...
15/12/2025

UThomas Swana uyehla esihlalweni sokuba yi-CEO yePEDI. Kumyalezo wakhe wokuvalelisa, uvakalise uchulumanco xa ejonga ngasemva kwiminyaka engaphezu kweshumi yophuhliso ePhilippi β€” ixesha apho uluntu, uMasipala, kunye nabasebenzi bePEDI bebesebenzisana ukuphuhlisa iPhilippi, ukwenza icoceke, ikhuseleke ngakumbi.

Iimpumelelo azibalileyo ziquka ukusekwa kwePhilippi Opportunity Area, izakhiwo ezintsha ezifana neJunxion Mall, kunye necandelo lePrecinct Management Unit eligcina izitrato zikhuselekile kwaye zicocekile.

Ukwavuyela nempumelelo yePhilippi Agrihub, exhase abalimi abasakhulayo abangaphezulu kwe-100, yanika noqeqesho lokuqinisekisha ukhuseleko lokutya esikutyayo, yancedisa ukubonisa indlela inkunkuma enokuguqulwa ngayo ibe ngumgquba. Ubalule nokuba, ngePresidential Employment Programme, abahlali base Philippi abangaphezu kwe-2,900 bafumene imisebenzi ebanike amava nezakhono, batshintsha ubomi babo.

Uvale ngombulelo ongazenzisiyo kwiinkampani namaqela ebesebenzisana nawo, abasebenzi bePEDI, noluntu lonke lwasePhilippi β€” esongeza ngelithi imbewu etyalwe kule minyaka idlulileyo sele iqala ukuntshula, kwaye ikamva libonakala liqaqambile.

Funda umyalezo wakhe opheleleyo:

Outgoing CEO Thomas Swana reflects on a decade of partnership and persistence that helped transform Philippi.

Address

C/o Stock And Market Road
Philippi
7781

Opening Hours

Monday 09:00 - 17:00
Tuesday 09:00 - 17:00
Wednesday 09:00 - 17:00
Thursday 09:00 - 17:00
Friday 09:00 - 17:00

Telephone

+27213719824

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Philippi Precinct Management Unit posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Philippi Precinct Management Unit:

Shortcuts

Share