10/12/2024
Insert 36
Khange silibazise sitsale u-Akhona Ku Room 23 saleqisa.Sizigqume nge maski Saya kungena kwitekisi.Saya kuladilesi utata ASI Nike Yona.Apho endleleni kwakuthe cwaka wonke umntu ecinga.
Okuhle:Sanukukhathazeka sizakubafumana engekaba bulali uBoss.Nithi nguBoss moss?
Sobabini:Ewe.
Okuhle:Ukufumana kwethu lamali sizama indawo yokuhlala.Siphande kangako side sibafumane.
Akhona:Siphande ntoni?Abazili bethu bezobulawa nguBoss!
Okuhle:Ayikho enye indlela esinokubasindisa ngayo.Kunyanzelekile siphandile.
Akhona:Impendulo zilapho sibaleka khona.Endlini kulapho kukho Impendulo zokubafumana.
Mna:Utata uthe singayi pha.Ewe ndiqinisekile ukuba zikho.Kucacile kungayingozi ukuba singabuyela phayana.
Okuhle:Uyigcine lento ikuwe likhona Kuba yiyo ezokukwazi ukusixelela apho bakhoyo ootata.Kaloku Xa ethe waphinda wayicofa izakusivezela apho akhoyo.
Siye sagxidika kulo tekisi.Usisi ejonge kwimephi apho Siya khona.Ndisuke ndabona umntu obukeka esoyikeka esijongile.Ndibone isibhamu kuye Waze Waza kuthi ebaleka.Siye sabaleka Nathi sihamba sijonge lomephu.Singene kwivenkile eyayilapho.Sambukela esikhangela.Ukhuphe into empokothweni.Suka saphazanyiswa yingxolo es**a empokothwni yam.Sithe Xa siphamisa intloko Sambona esiza kulevenkile sikuyo.Siye sabalekela kwelinye icango lokuphuma apho kulo venkile.Kwakukho ulwandle apho elikufitshane.Kwakugcwele abantu,kaloku kwakushushu nyani.Sileqise pha elwandle ngaphandle kokuthanda buza.Sifike sayongqengqa apho kugcwele abantu kakhulu.
Mna:Usifumene njani.
Akhona:Kodwa yibhoza kodwa le bayithumeleyo.Mjonge ingathi usiva ngevumba ukuba siphi.
MNA:Yhoo!Uzucinge uphila kabini ingathi ngowuthandaza uyeke ukudlala.
Ndisuke ndachukunyiswa ngumntu ongusisi owayemise imoto apho esantini evule icango ekhalisa umculo.Waye sijonge ngendlela ekrokrisayo.
Losisi:Okuhle!Nguwe Lo!
Okuhle:Shh!Sisengxakini!
Kuthe gqi labhuti ephuma kulevenkile.Lento wayeyiphethe ndiyibona ngathi yiyo le imkhokhelayo.Inoba iyamsokolisa.Uye wabhekabheka Sonke simjongile.Uye waqala ukujonga elwandle Waze wangathi uza khona.Eyona nto yayimnandi kwakugcwele.
Okuhle:Usazi njani ukuba silapha kwakhona asoze abenentlahla kabini.
Losisi:Sisengxakini okuhle.Awunokwazi ukusibalekisa apha.
Sichwechwile Saya kungena emotweni simincile ukuba singabonwa.Ngelixa ndingenayo emotweni kuze umntu ongutata ebaleka Waze wandigila ndaya kuwa bhaxa phantsi.Kwawa into empokothweni yam.
Lotata:Uxolo mntwana wam.(Endiphakamisa)Ndiye ndachola lento.Yayiveza imephu ,kwakudanyaza into ebumvu kwindawo engaselwandle.
Mna:Uyasazi ukuba silapha.
Singene emotweni kwangoko Waze wayinyathela losisi imoto.
Okuhle:Usazi njani ukuba silapha.
Mna:Jonga!(Ndimbonisa imephu)
Lento idanyazayo yayihamba nayo ngelixa Nathi sasihambayo.
Okuhle:Lahla lento.Basebenzisa Yona ukusibona.
Akhona:Njani?Kodwa ikutata?
Mna:Andiqondi isekutata!
Losisi:Babukeka beyingozi ababantu.Nibenzeni ningandifaki nam engxakini.
Okuhle:Lahla lento izakusilandelisa ngababantu.
Lasisi:Siyaphi?Kunini ndihamba.
Okuhle:Cela usise apha.Likhona jula lento ngefesitile ufuna Nathi sife!
Mna:Izosinceda ngantoni ubabaleka okoko ababantu.Ndinecebo lombamba lomntu masibize amapolisa aye apho siyakhona.USISI uwafowunele ebexelela konke okwenzekileyo.Baqale basokolisa babuza imibuzo emininzi kodwa bathe bakuva ukuba ngutata wam bangona bavumayo.Ndiqaphele imoto esilandelayo,nabanye bayiqaphela ndakubaxelela.
Iye yakhala iselula,amapolisa asixelela ukuba sele bezakufika.Siye safika samisa imoto ngasendleleni.Sasisoyika Sonke LaUsisi uye washeka emotweni yena wazixela kuyo.Thina siphumile safika sankqonkqoza kulomzi saxela ukuba sithunyelwe ngutata.
Okuhle:Kodwa ikhona enye into emehleleyo utata,sicinga Nathi ingasehlela ngoku futhi apha!
Lobhuti womzi:Into enjani?
Okuhle:(cwaka)
Icango salibona selikhatywa ngababafo.Khange batye xesha basikhombe ngegani.Omnye wababafo ubethe ngegani lobhuti walomzi wayothi latya phantsi akashuk*ma.Bakhuphe into elilaphu balibeka ngenkani Ku Okuhle,Nak*m,naku-Akhona Ndabona sele k*mnyama.
Likhona!!Likhona!!Ndithe ndakuvula amehlo
ndabona u-Okuhle phezu kobuso bam.
Okuhle:Likhona
mna:Yhaa
okuhle :Lihambile icebo lakho
Ndithe Xa ndinyusa intloko ndabona uAkhona nalabhuti walomzi kunye nalasisi ebesiqhubela.
Ipolisa:Ndizakunishiya ndiyanibona ukuba nonke ngoku nisemandleni.
Okuhle:Siyabulela kakhulu.
Ipolisa:Ngumsebenzi wethu Lona.Xolweni ngokucotha kwethu.Mhlawumbi ngesifike seningekho.
okuhle:Okusalayo Niye nafika ngexesha elihle sithi enkosi.
Sitshilo isandi kwimpikotho yepolisa elalipha.Liyephendulile iselula.
Okuhle:Xolo Mnumzana ingaba lento ubuyithetha nalomntu kwiselula ibimalunga nalento yenzeke kuthi namhlanje
Ipolisa:Ewe,abafuni kuxela ukuba bathunyelwe.Ukhona ozamileyo uthetha kodwa wayeka.
Mna:Uthethe wathini?MHlawumbi lentwana ayithethileyo ingasihluthisa.
ipolisa:Uthi yena ebengafuni ukubandakanya kulento.Lomntu mkhulu kwaye uyamoyika.
Mna:Ayikho enye into efunyanisiweyo?
okuhle:Hayi pheza ngoku!
Ipolisa:Mhmm..andivumelekanga ndiyixele enye into..Besikhe sanekheyisi yokubiwa kwamabanjwa apha kulendawo.Kwaye sifumanise ukuba lomfo ebengumqhubi walabhasi yalamabanjwa alahlekileyo.Kodwa Uthi akayazi eyamabanjwa as**a abiwa kuye.Yena ubukeka engumntu olungileyo kwaye sizama uk*mnceda.Akanalo nosapho lomfo ikhona ingxaki.Ndicinga kuko konke endikwaziyo mna,Xolweni.
Mna:Enkosi,ndatsho ndahlutha.
Liye lahamba elipolisa emva kokusigada ixesha elide.Enkosi bawo ngok*mnika Amandla.
Lobhuti womzi:Mandinganilibazi (esiya kwelinye igumbi)Nam ndihluthi Nini hambani ngoku!
Mna:Ndicinga ndiyayazi masiqale phi uphanda.
Okuhle:Siqale phi?
Mna:Lomfo webhasi ubanjiwe kwaye akanasapho.Lonto ithetha ukuba indlu yakhe ngoku isenokwenzeka ihleli yodwa.Kwaye singasebenzisa yena ufumana uBoss.
Likhona:Notata ibili cebo lakhe Elo.Elokuqala alandelele lento yebhasi aze afumane uBoss.
Okuhle:Uyaziva nawe Uthi isenokwenzeka indlu ihleli yodwa,asiqinisekanga.Kusenokwenzeka ukuba kukho umntu.
Mna: Probability is fifthy fithy.Lonto ixela sawube simoshe ithuba ukuba asiyanga Kube kungekho mntu.
Okuhle:Kulungile sipha ngomso masizame nje indawo nje yokulala ukugqiba kwethu Ukufumana imali.
lasisi:Ningazokulala k*m.Imini enye qha!
Sonke:Ewe enye qha!
Ufike ephethe labhegi latata Waze wasinika
Latata:Nihambe kakuhle.
Sonke:Enkosi
Bawo siyahamba kwakhona,cela uze uhambe Nathi.Bawo,bawo hamba nam kulendlela.
Please like and support this page Elevate Rec dance Crew