Poem's from the heart

Poem's from the heart Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Poem's from the heart, Business service, Port Elizabeth.

Siyakhula scela support
10/07/2022

Siyakhula scela support

03/04/2022

Good mornings ngalecawa ka April ,andinafown anjan kodwa promise to write soon

01/12/2021

December
Nyanga yeziyolo neziyunguma
Nyanga yokuphela konyaka
Nyanga yegugu nencitho enganyanzelekanga
Le Nyanga yeyovuyo bumnandi ntsizi nenyembezi

Abazali baduka kulenyanga,zisale ntsapho zibindekile zilambile abe Tata ejaiva nezikeyti etarven
Kuk'lenyanga apo uthi bunesthandwa suke zbone uwedwa Kuba kuleqwa ezibonus
Kuk'lenyanga apo abantwana bazxhomayo ngenxa yemeko zomoya nentlalo .

Ndiyanqula ndithandaza ukuthi noko siwuvale ngendlela lonyaka.
Ndiyacela kwizimungunya nobumnandi siqaphele sinonophele sifike kozayo nyaka sisaphephile noko mzi kaxhosa lonyaka silile kakhulu

27/11/2021

Akusekho konwaba
Ewe xa ndonile,
Xolo ndiyalucela
Kodwa le ayingangam
Ndithi ndizxelele ngokuhlala k*m kamereni
Kuvumbuke isilingo ndizhlelele
Mna ndakonwabaphi na sombawo
Ndiba ezixoxisayo ndiyazphepha ntonje zither rhoqo ukundilandela.
Mfeli wam Gcobo lwam mna ndide ndiphumle nin na

It's been a while ndingabhali so here goesNqwithelo mna ndihambile kuzoNtlungu mna ndiyivile Ntlebendwana mna ngelam gam...
17/10/2021

It's been a while ndingabhali so here goes
Nqwithelo mna ndihambile kuzo
Ntlungu mna ndiyivile
Ntlebendwana mna ngelam gam yenzekile
Sono ewwe ndisenzile
Kwezomeko nobobuhlungu ndazkhumbula izyalo zowam mama
Mpazamo ndizenzile ,ndisazenza

Kuyo wonke lombhodamo ,nezogcinga nezonxwaleko
Nk*mbulo neziyalo nenkuliso iye yabuya
Ndathi ndakulahlwa lilizwe ndakhumbula oPhezulu
Bomi bundihlafunile banditica nam ndazibhenca
Kwintsingo ndicelile koPhezulu wade wayiva nezam zicelo
Usmakade undithwele ndakuba ndisele ndilihlwempu ndishiywe ngabasondele k*m
Sonini nanini ndiyabulela ndikwacela undongezelele amandla ndide nam ndibengumntu phakathi kwabanye
Ingcinga zam zityatyadule zayok*ma kwizbhalo ezithi
"Mbonge Mdali wakho kwintsuku zakho zobutsha"
Happy Sunday morning bathandwa

02/10/2020

Mvulel'intliziyo ahlale

Zakufika ingqwithelo zobom ngeYakhe ingubo uyakombathisa,akwange akukhusele.

NgoweGolide umbhinqo awubhinqe esifubeni sakhe,uyawagquma amabibi namahlazo omkhonzi wakhe.

Buboya bemvu inkangeleko yenwele zentloko yakhe,ngazo wosula inyembezi zomkhonzi wakhe.

Injengekhephu inkangeleko yamehlo akhe,uyazibona zonke ingxwaleko k*mkhonzi wakhe.

Ukwanjengelanga ukukhanyisela indalo kaYise.

Olubengezelayo ubhedu yinkangeleko yenyawo zakhe,wokungqala kowazo umzila uyothulwa umthwalo wakho.

Lizwi lakhe lifana nqwa namanzi kolimameleyo,liyaphilisa lipholise.

Iminyango uyayivula aphe abesweleyo abalilayo abathuthuzele ahlangule asikelele.

Sisitixo sovuko kwabafileyo nesokufa kwabaphilileyo.
Isiba lombhali wezingcwele izibhalo lelam ingqina.

14/09/2020

Ngomoya sinxulumene.
Ngengcinga siyabelana.
Kwintlungu siyathuthuzelana.
Ngefuthe siyafuthelana.
Imeko yam uyamnkele.

Iminyaka undincekelele.
Kubomi undinyamezele.
Endleleni undibuyisele.
Ungumazi wemfihlo zam.

Mkhulululi womoya wam.
Chwayito lwentliziyo yam.
Thando lomphefumlo wam.

Gxalaba lam lokulilela.
Nokuba ndikhathazekile sele ndikhubekile umphefumlo wam uxhelekile ndithuthuzelwa nguwe.

KOLU USIBA NDIZIBOPHELELE.

11/09/2020

Mna

Bendiligugu Kowam Makhulu Kuba Ndikhuliswe Nguye Umama Ondizalayo Eduke Nezwe

Ndikhuliswe Ngendlu Yecawa.
Ndikhule Ngemfundo.
Ndikhule Ngembeko.

Ndisanconywa wangena usathana.
Ndisabukwa Ukhula ,ndangena Kwiziyobisi Ndingalibali Ngokuzishiyekisa Kwiziyolo.

Abandithandayo Bandizama S**a Mna Ndabaxelela Ndiphila Bomi Bam.

Ndibeyinkomo Edlayodwa Kuba Sitsho Nesixhosa "inkom'netshoba Ayinqandwa"
Ndibuvile Bunzima Bobomi Ndingenamhlanguli.

Kunzima Kunjalo Ndazkhumbula Mfundiso Endikhule Ngazo.
Ndindodwa Ndacela Amandla kuSomandla.

Ndisathwelwe ngoPhezulu nangoku.
Ophezulu usandomeleza nangoku.
Indlela zam zikhokhelwa nguye nahok.
Umdali undiphe ukunyamezela imbeko nentlonipho.

Somandla gqubeka undgcine.
Sonini Nanini luqinise khololwam ,undenze isicaka sakho.
Mdali wethu qhubeka undinika ithemba.
Ngcwele qhubeka ndenza kwazi ulinda elam xesha lokuhlangulwa kwam nguwe kuba wena utsho ezwini uba konke esikucela egameni lakho kuyakwenzeka ngoba sisonke bantwana bakho khona okuhle osibekele kona

09/09/2020

Mntakwethu,lo umbongo ujongise kuwe.
Mntakwethu wamthembisa uthando,kodwa ngoku uqamela ngenyebezi.
Mntakwethu usakhumbula umcenga usithi kuye ngaye ulifumene ubambo,kanti bunganyanisekanga.

Mntakwethu wakunika intliziyo yakhe ,kanti wena uzokuyophula.
Mntakwethu umxokise ngothando ngoku akasathembi mfana isizathu nguwe.

Mntakwethu sudlala ngothando ,yakhe yatsho enye imbongi icacisa ngoluthando.

L-law
O-obidience
V-vengeance
E-eternity

Uthando Ngumthetho ofuna uhlonelwa kungenjalo kulandela ingqumbo kanaphakade"

09/09/2020

Haibo Bangani Niyohlulwa Yile50 Likes

Khanirhabulapha,and Do Share The Page

I Can Also Write And Recite Poems For Special Occassion At A Reasonable Fee

Address

Port Elizabeth
ZA

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Poem's from the heart posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share